Jeremiah 19:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako oko, bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa indawo le ingasayi kubizwa ngokuti yi‐Tofete, nangokuti sisihlambo sonyana ka‐Hinome, kodwa ngokuti sisihlambo sobulalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko uyabona, iyeza imihla, utsho uYehova, engasayi kuba sabizwa le ndawo ngokuthi yiTofete, nomfula wakwaBhen-hinom; kuya kuthiwa nguMfula wokuBulala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, uyabona, iyeza imihla, utsho uYehova, engasayi kuba sabizwa le ndawo ngokuthi yiTofete, nomfula wakwaBhen-hinom; kuya kuthiwa yiNtlambo yokuBulala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke liyeza ixesha xa le ndawo ingayi kuba sabizwa ngokuba yiTofeti okanye intili kaBhen-hinom, koko iya kubizwa ngokuba yiNtili yeNtshabalalo.