Jeremiah 19:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndiya kulitshitshisa icebo lo‐Juda ne‐Yerusaleme kulendawo, ndandiya kubawisa ngesiṙele pambi kwentshaba zabo, nangesandla sabo babufunayo ubomi babo; nezidumbu zabo ndozinika zibe kukutya kuzo intaka zezulu, nakuzo izilo zomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kulithululela iqhinga lakwaYuda neYerusalem kule ndawo, ndibawise ngekrele phambi kweentshaba zabo, nangezandla zabawufunayo umphefumlo wabo, ndizinikele izidumbu zabo zibe kukudla ezintakeni zezulu nasezilweni zomhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuliphelisa icebo lakwaYuda neYerusalem kule ndawo; Ndobahlisa ngekrele phambi kweentshaba zabo, nasesandleni sabawufunayo umphefumlo wabo; yaye ndiya kuwanika amanqatha azo kwiintaka zasendle namarhamncwa asendle abe kukutya kwawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Ndiza kuliqhekezela kule ndawo icebo labantu bakwaJuda nabaseJerusalem, ndibawise ngekrele phambi kweentshaba zabo ezizungula ubomi babo. Izidumbu zabo ziza kuba kukudla kweentaka kunye namarhamncwa.