Jeremiah 2:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ingonyamana ziyamkonyela, ziyaku̔pa ilizwi lazo; ziyalenza ilizwe lake intshabalalo; izixeko zake zitshisiwe, kungeko ohlala kuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zimbharhulele iingonyama ezintsha, zalikhupha izwi lazo, zalenza laba senkangala ilizwe lakhe, imizi yakhe yafakwa isikhuni, ayaba nabemi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iingonyama ezintsha zagquma, zakhala ngenxa yakhe, zalenza laba senkangala ilizwe lakhe; imizi yakhe yatshiswa, ayaba nabemi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iingonyama ziyagquma, ziyamgragramela. Seziwuqwenga-qwengile umhlaba wakhe, zazitsho zaba ngamabhodlo angahlali bani izixeko zakwaSirayeli.