Jeremiah 2:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenyaniso kudala ndayapula iyokwe yako, ndaqaula izinxibo zako; waza wati: Andiyi kukonza; ngokuba pezu kwenduli zonke, nangapantsi kwemiti yonke eluhlaza, ubudungadunga, usenza umbulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba kususela kwakude, uyaphule idyokhwe yakho, waziqhawula izitropu zakho; wathi, Andiyi kukukhonza; kuba ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, wazolula ngokwehenyukazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ndiyaphule idyokhwe yakho, ndizophula izitropu zakho; wathi wena, Andiyi kutsiba; nihambahamba ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kudala, Sirayeli, wayaphulayo idyokhwe, waziqhawula izitrophu zakho, usithi: ‘Andiyi kukukhonza.’ Ewe, ubuhamba ulala ezinkalweni zonke nangaphantsi kwemithi yonke, uziqhekeza uxela ihenyukazi.