Jeremiah 2:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Njengokuba isela lidanile nxa lifunyanwayo, kwa njalo badanile indlu ka‐Sirayeli; bona, okumkani babo, inkosana zabo, nabaperisite babo, nabaprofite babo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Njengokudana kwesela lakufunyanwa, kunjalo ukudana kwendlu kaSirayeli: bona ngokwabo, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Njengokudana kwesela xa lifunyenwe, kunjalo ukudana kwendlu kaSirayeli; bona, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo uthi: “Kanye njengoko lidana linyoshoze xa libhaqiwe isela, koba njalo ukuhlazeka kukaSirayeli nookumkani bakhe, neziphathamandla, ababingeleli, kunye nabashumayeli.