Jeremiah 2:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bapina kodwa otixo bako uzenzele bona? mabasuke, ukuba bangakusindisa ngexesha lelishwa lako; ngokuba njeng enani lezixeko zako benjalo otixo bako, Juda!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphi na kaloku oothixo bakho ozenzeleyo? Mabasuke beme, ukuba boba nokukusindisa na ngexesha lobubi bakho; kuba oothixo bakho babengangenani lemizi yakho, Yuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baphi na kaloku oothixo bakho ozenzeleyo? Mabavuke ukuba abakusindisanga ngexesha lobubi bakho; ngenxa yokuba oothixo bakho balingana nenani lezixeko zakho, Yuda!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baphi kakade abo thixo bakho uzenzeleyo? Mabavuke kaloku, bakuhlangule ngexesha lengxakeko. Baninzi kangangeedolophu zakho oothixo bakho, Juda!