Jeremiah 2:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndifumane ndabeta usapo lwenu; alulwamkelanga ululeko: elenu iṙele libadlile abaprofite benu, njengengonyama etshabalalisayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndifumane ndababetha oonyana benu; intethiso abayamkelanga;ikrele lenu lidle abaprofeti benu njengengonyama edlavulayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndifumane ndababetha oonyana benu; abavumanga kukhalinyelwa; ikrele lenu labadla abaprofeti benu njengengonyama eqwengayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Naxa ndabohlwayayo abantwana benu, abazanga baqeqesheke. Suka nababulala ngekrele *abashumayeli, banga baqwengwe ziingonyama.