Jeremiah 2:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kunganina ukuba uyatyutya kakulu ukuya kuguqula indlela yako? uya kudanela i‐Jipete nayo, njengokuba ubudanela i‐Asiriya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini na ukuba uzulazule kangaka, uyijike indlela yakho? Uya kudana ngenxa yeYiputa, njengokuba udanile ngenxa yeAsiriya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yini na ukuba ungxame ukuyijika indlela yakho? yaye uya kuba neentloni ngeYiputa, kanye njengoko waba neentloni ngeAsiriya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yini na ukuba urhaqaze kangaka, uzijika-jike iindlela zakho? IJiputa iza kukuphoxa kanye ngalaa ndlela yaniphoxa ngayo neAsiriya.