Jeremiah 2:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abatanga: Upina uyehova, owasinyusayo elizweni le‐Jipete, owasikokelayo entlango, ezweni lobugxwayiba nelezihogo, ezweni lokwoma neletunzi lokufa, ezweni bekungacandwa mntu kulo, nalapo abantu bebengahlali kona?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abatsho ukuthi, Uphi na uYehova owasinyusayo, wasikhupha ezweni laseYiputa, owasihambisa entlango, ezweni eliyinkqantosi, lezihogo, ezweni elingumqwebedu, elethunzi lokufa, ezweni elingacandi mntu, elingahlali mntu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abatshongo ukuthi, Uphi na uYehova owasikhuphayo ezweni laseYiputa, owasikhokela entlango, ezweni eliyinkqantosi, ezweni elingumqwebedu, ezweni lenxano, nelethunzi lokufa, kumhlaba omthubi apho kungadlulanga mntu, ekungazanga kuhlale mntu khona?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abazange babuze bathi: ‘Uphi na lo Ndikhoyo owasikhupha kumhlaba waseJiputa, wasihambisa entlango kwilizwe elingumqwebedu lemiwewe; kwilizwe lembalela nesithokothoko sobumnyama, ilizwe ekungahambi bani kulo, kungekho namntu umiyo kulo?’