Jeremiah 20:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bendisiva ukuhleba kwabaninzi, isoyikiso besingamacala onke: xelelani, batsho ke, sasiya kuxelela ngaye: onke amakolwane am ayalinda ukuqwalela kwam; ngati, atsho ke, uya kucengwa, size simeyise, sandule sitabate impindezelo yetu kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ndivile intlebendwane yabaninzi, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke. Xelani, simxele. Bonke abafo ababexolelene nam balinde ukuqhwalela kwam; bathi, Mhlawumbi angarhwebesheka, simeyise, simphindezele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ndive intlebendwane yabaninzi, bathi, Kunxunguphalo ngeenxa zonke. Baya kusixela, kwaye siya kuxela. Bandibona bonke abo ndibaziyo xa ndisukuma, ndisithi: Mhlawumbi angalingwa, simoyise, siziphindezele kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndive abaninzi besebeza besithi: “Lunxunguphalo jikelele! Makamangalelwe, simse ngaphambili!” Nditsho nezihlobo zilindele ukutyibilika kwam, zithi: “Mhlawumbi angarhintyeleka, size simfumane, siziphindezele kuye.”