Jeremiah 20:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa uyehova unam njengeṙoti elinamandla; ngako oko abatshutshisi bam baya kuku̔beka, bangeyisi: badanile kakulu, ngokuba bengalungisekanga; loba lihlazo elingunapakade, alisayi kulityalwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uYehova unam, njengegorha elingcangcazelisayo; ngenxa yoko baya kukhubeka abandisukelayo, abayi koyisa; baya kudana kakhulu, ngokuba bengenzanga ngengqiqo; ihlazo labo lingunaphakade, alinakulityalwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uYehova unam njengegorha elinamandla; ke ngoko, abandisukelayo baya kukhubeka baze bangoyisi; ngokuba abayi kuba nampumelelo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa yena uNdikhoyo ungakum; ligorha elomeleleyo. Abandisukelayo baza kukhubeka bangaphumeleli. Baza kudana, lingaze lilityalwe ihlazo labo.