Jeremiah 20:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa, Yehova wemikosi, olingayo olungileyo, obonayo izintso nentliziyo! mandibone impindezelo yako pezu kwabo; ngokuba ndilityilile kuwe ityala lam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena ke, Yehova wemikhosi, ulicikidayo ilungisa, uzibonayo izintso nentliziyo, mandiyibone impindezelo yakho kubo; ngokuba ndikutyhilele ubambano lwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke wena, Yehova wemikhosi, ulicikidayo ilungisa, obona izintso nentliziyo, mandiyibone impindezelo yakho kubo, ngokuba ndinivulele ityala lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndikhoyo Somandla-onke, wena uwavavanyayo amalungisa, uzigocagoce iintliziyo neengqondo zawo, mandikubone ukuziphindezela kwakho kubo, kuba kaloku umcimbi wam ndiwuphose kuwe.