Jeremiah 20:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati ngomhla olandelayo, u‐Pashure wamku̔pa u‐Jeremiya entolongweni. Wandula u‐Jeremiya wati kuye: Uyehova akabizi igama lako ngo‐Pashure, kodwa ngo‐Magore‐misa?-?bibe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngengomso, uPashure wamkhupha uYeremiya esitokisini.Wathi uYeremiya kuye, UYehova akathi linguPashure igama lakho;uthi linguNxunguphala ngeenxa zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngengomso uPashure wamzisa uYeremiya endlwini yobuncwane. Wathi uYeremiya kuye, uYehova akathi unguPashure, uthi nguMagorissabhibhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngengomso uthe uJeremiya akukhululwa nguPashure ekukhonkxweni, wabhekisa kumbingeleli lowo wathi: “Igama akunike lona wena uNdikhoyo asinguye uPashure, nguNxunguphele-jikelele.