Jeremiah 20:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kukwenza ube sisoyikiso kwa kuwe, nakubo bonke abahlobo bako; babeya kuwa ngesiṙele sentshaba zabo, ati amehlo ako abonele; no‐Juda bonke ndobanikela esandleni sokumkani we‐Babilone, oya kubafudusela e‐Babilone, ababulale ngesiṙele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikwenza ukuba uzinxunguphalise wena ngokwakho, nabo bonke abakuthandayo; bawe likrele leentshaba zabo, abone amehlo akho, ndiwanikele onke amaYuda esandleni sokumkani waseBhabheli, abafudusele eBhabheli, ababulale ngekrele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba etshilo uYehova ukuthi, Yabona, ndikwenza into embi wena, nakubahlobo bakho bonke; yaye baya kuwa likrele leentshaba zabo, yaye aya kukubona amehlo akho; yaye ndiza kumzisa wonke uYuda esandleni sam wokumkani waseBhabheli, abafudusele eBhabheli, ababulale ngekrele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiza kukwenza unxunguphale wena siqu, unxunguphalise nabahlobo bakho. Uza kubabona ngala wakho amehlo besiwa likrele leentshaba. UJuda ephela ndiza kumnikela esandleni sokumkani waseBhabheli. Abanye yena uza kubasa eBhabheli, abanye ababulale ngekrele.