Jeremiah 20:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawe, Pashure! nabo bonke abahlala endlwini yako, niya kuya ekutinjweni; wauya kuza e‐Babilone, nakona uya kububa, nakona uya kuncw̔atywa, wena nabo bonke abahlobo bako, abo uprofiteshile kubo ngobuxoki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena Pashure, nabo bonke abahleli endlwini yakho, niya kuthinjwa; uye eBhabheli, ufele khona, ungcwatyelwe khona, wena nabakuthandayo bonke, abaprofetele ubuxoki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena ke, Pashure, nabo bonke abahleli endlwini yakho, niya kuthinjwa; yaye ngokuqinisekileyo uya kufika eBhabhiloni, ufele khona ungcwatyelwe khona, wena nabo bonke abahlobo bakho obaprofetele ubuxoki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena ke, Pashure, kunye nentsapho yakho, uza kuba ngumthinjwa kwelaseBhabheli. Wena kunye nâbo bahlobo bakho ubukade ubashumayeza ubuxoki, niza kufela apho, ningcwatyelwe kwalapho.’ ”