Jeremiah 20:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandicenga, Yehova! ndada ndacengwa; wandigqita ngamandla, weyisa ke: ndibe ndiyinto yokugculelwa imihla yonke, bonke bandihleka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yehova undirhwebeshile, ndarhwebesheka; undibambile, wandeyisa, ndaba yintlekisa yonke imini; bonke bephela bayandigculela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yehova, undikhohlisile, ndaza ndazivumela ukuba ndikhohliswe; Unamandla kunam, woyisile; Ndenza iziqhulo yonke imihla, wonke umntu uyandihlekisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*Ndikhoyo, undicengile ndacengeka; ewe, undongamele, ndaza ndoyisakala. Ndiyintlekisa mihla le; ndisisigculelo sikawonke-wonke.