Jeremiah 20:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba nxa ndasukuba benditeta, ndakala; ndadanduluka ukuti: ubudlwengu nokubada; ngokuba ilizwi likayehova belindenzelwa isigxekwa nesidelwa imihla yonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ndithi, ndakuthetha, ndikhale, ndidanduluke, ndithi, Lugonyamelo nobhuqo; ngokuba ilizwi likaYehova laba sisingcikivo nesicukucezo kum yonke imini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ndithethe, ndikhala, ndinogonyamelo nokubhuqa; kuba ilizwi likaYehova lenziwe intlekisa nesigculelo kum yonke imihla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiba ngawuvula umlomo ndidanduluka ndithi: “Lugonyamelo! Yingcinezelo!” Ngoko ke ilizwi likaNdikhoyo lindizisela izithuko nezinyeliso yonk' imihla.