Jeremiah 21:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sibuzele ke kuyehova; ngokuba u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone esenza imfazwe ngakuti: kungati uyehova wosenzela njengayo yonke imimangaliso yake, ukuze anyuke kuti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khawusibuzele kuYehova, ngokuba uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esilwa nathi; mhlawumbi uYehova wosenzela ngokwemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo, enyuke esuke kuthi yena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Masithandaze kuYehova; ngokuba uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esilwa nathi; ukuba uYehova uyasenzela yonke imimangaliso yakhe, uya kusinikela umva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Khawusibuzele kuNdikhoyo. Kaloku ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli uze kulwa nathi. Mhlawumbi angabuya enze imimangaliso uNdikhoyo njengangaphambili, simbone selegoduka nomkhosi wakhe uNebhukadenezare.”