Jeremiah 22:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ningamlileli ofileyo, ningamncwineli kanjako: kolisani ukulilela lowo umkayo; ngokuba engasayi kubuya, nelizwe lokuzalwa kwake akayi kulibona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musani ukumlilela ofileyo, ningahlunguzeli intloko ngenxa yakhe; lilani nilile ngomkileyo; ngokuba akasayi kubuya abuye, alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukumbambazela ofileyo, ningamzileli; kodwa lilani ngokukrakra ngenxa yalowo uhambayo, ngenxa yokuba akasayi kuze abuye okanye alibone ilizwe lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Musani ukumlilela ukumkani ofileyo, ningazili kuba selengasekho, koko lilelani lowo uthinjwayo, nigixe, kuba kaloku yena akasobe abuye, engasobe abuye alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.