Jeremiah 22:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kupata ubukumkani na ngokuba uzondelela isedare? akati na uyihlo wako wadla wasela, wenza ubugwebo nobulungisa? oko kwakulungile kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Unobukumkani na, xa ushiyisela ngokwakha ngemisedare?Uyihlo ubengadli, asele, enze okusesikweni nobulungisa, yini na, kwaza kwalunga kuye?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kulawula na, xa unxibe umsedare? Uyihlo ebengadli na, asele, enze ngokusesikweni nangobulungisa, kwamhambela kakuhle;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba ukumkani ngukumkani ngokugqitha abanye ngokuzakhela ngomsedare? Uyihlo wayesidla asele. Wayelilungisa engenamkhethe, waza waba nempumelelo kwinto yonke.