Jeremiah 22:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa amehlo ako nentliziyo yako zipezu kwempango yako kupela, napezu kwegazi elingenatyala, ukuba ulipalaze, napezu kwokubandezela nokuncinezela, ukuba wenze ngako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba akabheke ntweni amehlo akho nentliziyo yakho, kuphela akwinzuzo yakho nakwigazi labamsulwa, ukuze liphalazwe;asekucudiseni nasekuvikiveni, ukuba wenze oko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa amehlo akho nentliziyo yakho akakhange akhangele nje kuphela ukubawa kwakho nokuphalazwa kwegazi elimsulwa nengcinezelo nogonyamelo ukuze wenze oko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kodwa wena into ojonge kuyo ngomxhelo wonke kukufumana inzuzo ngobuqhophololo, ngokugwinta abantu abangenatyala, nokucinezela abantu bakho ubacudisa.”