Jeremiah 22:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nyuka i‐Lebanone, udanduluke; nase‐Bashane ku̔pa ilizwi lako, udanduluke e‐Habarime: ngokuba bonke abatandwa bako batiwe shwaqe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nyuka eLebhanon, ukhale; naseBhashan khupha izwi lakho, ukhale eHabharim; ngokuba zaphukile zonke izithandane zakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nyuka uye eLebhanon, ubize; uphakamise ilizwi lakho eBhashan uze ukhwaze ukwikona yemida, kuba bonke abo ubathandayo batshabalele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nyuka iLebhanon, ugxwale apho. Danduluka eBhashan, ukhale phezu kweentaba zaseAbharim, kuba boyisiwe bonke abathandana nawe.