Jeremiah 22:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndateta kuwe ekwonwabeni kwako; wabusiti: Andiyi kuva. Yiyo le indlela yako kwa sebutsheni bako, yokuba akulivanga ilizwi lam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathetha nawe uchulumachile; wathi wena, Andiyi kuva.Yindlela yakho leyo kwasebuncinaneni bakho, ukuba ungaliphulaphuli ilizwi lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathetha kuni, ninoyolo; wathi, Andifuni kuva. Yindlela yakho leyo kwasebuncinaneni bakho, ukuba ungaliphulaphulanga ilizwi lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndakulumkisa usemi kakuhle, kodwa wena wathi: ‘Ngunotshe! Soze ndikuphulaphule!’ Yinto oqhel' ukuyenza leyo kwasebutsheni bakho; akuzange wavuma ukulithobela izwi lam.