Jeremiah 22:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lendoda u‐Koniya ingumpanda odeliweyo oqekekileyo na? isisitya kungeko inyamekelo na kuso? kunganina ukuba bagxotiwe, yena nenzalo yake, nokuba balahlelwe elizweni abangalaziyo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lo mfo uKoniyahu ngumphanda odelekileyo, oza kuhlekezwa na? Uyimpahla engananziweyo na? Kungandawoni na ukuba bajulelwe, yena nembewu yakhe, baphoswe ezweni abangalaziyo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaba lo mfo uKoniya ngumfanekiso odelekileyo owaphukileyo? Ngaba sisitya esingenaluvuyo? Yini na ukuba bajulwe, yena nabantwana bakhe, baphoswe ezweni abangalaziyo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kutheni uKoniya engodelekileyo, efana nengqayi etyumkileyo, into engafunwa bani? Kutheni selelahlwa ephoswa kwilizwe angalaziyo yena kunye nentsapho yakhe?