Jeremiah 22:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Ba̔lani lendoda eyengenabantwana, indoda engayi kutamsanqeleka emihleni yayo; ngokuba kungayi kutamsanqeleka namnye kwinzalo yayo, ehlala pezu kweterone ka‐Davide, esapata ubukumkani kwa‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Lo mfo mbaleleni ekuthini akanabantwana, yindoda engenampumelelo emihleni yayo: ngokuba akayi kuba nampumelelo umntu wasembewini yakhe, ohlala etroneni kaDavide, esalawula kwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Lo mfo mbaleleni ukuba akanamntwana, yindoda engenampumelelo emihleni yayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Lo mfo mbaleleni ekuthini ungongenanzala, into engayi kuba nankqubela lo gama isekhoyo. Nakwinzala yakhe akukho bani uya kuba nempumelelo, kungekho namnye oya kuhlala esihlalweni sikaDavide, alawule kwaJuda.”