Jeremiah 22:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaye izizwe ezininzi ziya kudlula ngakuso esisixeko, bati abantu omnye kwomnye: Kungenxa yanina enje nje uyehova kwesisixeko sikulu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodlula kulo mzi iintlanga ezininzi, bathi elowo kummelwane wakhe, Kungenxa yani na ukuba uYehova enjenje kulo mzi mkhulu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kudlula kwesi sixeko izizwe ezininzi, yaye ngasinye siya kuthi kwesaso: “Kutheni uYehova esenze saba sikhulu kangaka esi sixeko?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Abahambi abadlula kwesi sixeko bevela kwizizwe ngezizwe bobuzana, bathi: ‘Kwathini ukuze uNdikhoyo enze into enje kwesi sixeko singaka?’