Jeremiah 23:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko indlela yabo yoba njengendawo ezibutelezi ebumnyameni kubo; baya kugxotwa, bawe kuzo: ngokuba ndiya kuzisa ilishwa pezu kwabo, umnyaka wokwohlwoywa kwabo, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko indlela yabo kubo iya kuba njengeendawo ezibuthelezi esithokothokweni; baya kuqhutywa, bawe khona;ngokuba ndibazisela ububi, umnyaka wokuvelelwa kwabo; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko umendo wabo uya kuba njengeendlela ezibuthelezi esithokothokweni; baya kusukelwa bawe khona; kuba ndiya kubazisela intlekele, unyaka wokukohlwaya kwabo,” utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko loo ndlela yabo iza kuba mtyibilizi, balahleke bawe emnyameni. Ndiza kubahlisela ishwangusha ngethuba lokohlwaywa kwabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.