Jeremiah 23:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakubaprofite base‐Yerusaleme ndiyibonile into eyoyikekileyo; bayaṙexeza, bayahamba ebuxokini; bayazomeleza izandla zabayenzayo inkohlakalo kanjalo, kuze kungabiko namnye oguqukayo enkohlakalweni yake; bona bonke banjenge‐Sodome kum, nabemi bayo njenge‐Gomora.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kubaprofeti baseYerusalem ndibone into ebanga amanwele:ukukrexeza, nokuhamba ebuxokini, bomeleze izandla zabenzi bobubi, kungabuyi mntu ebubini bakhe. Bonke bephela banjengeSodom kum, nabemi bakhona banjengeGomora.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabona into eyoyikekayo kubaprofeti baseYerusalem: bayakrexeza yaye bahamba ebuxokini; Bazomelezile izandla zenginingini, ukuba kungabuyi mntu ebubini bakhe; kum bonke banjengeSodom, nabemi bayo banjengeGomora.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kubashumayeli baseJerusalem ndibone eligqithileyo isikizi; bona ngabakrexezi abaphila ngokuxoka. Bakhuthaza abantu ekwenzeni ububi, kungabikho namnye uguqukayo kwinkohlakalo yakhe. Xa bebonke kum bafana nabantu baseSodom; abemi balapho bafana nabaseGomora.”