Jeremiah 23:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko utsho uyehova wemikosi pezu kwabaprofite abo ukuti: Bona ke, ndiya kubadlisa umhlonyane, ndibaseze amanzi enyongo; ngokuba kupumile kubaprofite base‐Yerusaleme ubuginwa ukuya kulo lonke ilizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko utsho uYehova wemikhosi, ngokusingisele kubaprofeti, ukuthi, Yabonani, ndobadlisa umhlonyane, ndibaseze inyongo; ngokuba kubaprofeti baseYerusalem kuphuma okungendawo, kuye kulo lonke ilizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, kwathethwa yiNkosi yemikhosi kubaprofeti; Yabona, ndiyabadlisa amanqatha, ndibaseze inyongo; kuba kubaprofeti baseYerusalem kuphuma okungendawo, kwaya kulo lonke ihlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke naku akuthethayo uSomandla-onke uNdikhoyo ngokusingisele kubashumayeli baseJerusalem: “Ndiza kubanika ukutya okukrakrayo, ndibaseze amanzi anetyhefu, kuba abashumayeli baseJerusalem basasaze ukudela uThixo kulo lonke ilizwe.”