Jeremiah 23:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ngubanina oke wema esihlelweni sikayehova, waza walinakana umhlaumbi waliva ilizwi lake? ngubanina ogqalileyo ilizwi lake, waliva nokuliva?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ewe, ngubani na kubo ome elucweyweni lukaYehova, walibona waliva ilizwi lakhe? Ngubani na olibazele indlebe ilizwi lam, waliva?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ngubani na wema entendelezweni kaYehova waza walibona waliva ilizwi lakhe? Ngubani na olivayo ilizwi lakhe, waliva?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngubani na kubo olilungu legqugula likaNdikhoyo? Ingubani oluvayo noluqondayo udaba lwakhe? Ngaba ukho owakha waluphulaphula waluthathela ingqalelo?