Jeremiah 23:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umntu angazifihla na ezindaweni ezifihlakeleyo, ukuba ndingamboni mna? utsho uyehova. Andizalisanga na izulu nomhlaba? utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wosithela na umntu ezintsithelweni, ndingamboni na? utsho uYehova. Andizalise amazulu nehlabathi na mna? utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na ongamfihlayo ezindaweni ezifihlakeleyo, ukuba ndingamboni? utsho uYehova. Andizalise izulu nomhlaba? utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ikhona na indawo efihlakeleyo apho umntu angazimela khona ukuze ndingamboni?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Asindim na lowo ukho ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.