Jeremiah 23:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
abacamangayo ukuba baya kwenza abantu bam balibale igama lam ngamapupa abo, abawaxoxayo omnye kwomnye, njengokuba oyise babo bebelibala igama lam ngo‐Bali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bacinga ngokubalibazisa na abantu bam, balilibale igama lam ngamaphupha abo, abawalawulayo elowo kummelwane wakhe, njengoko ooyise balilibalayo igama lam ngoBhahali?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
bacinga ngokubalibazisa abantu bam igama lam ngamaphupha abo, abawalawulayo koonyana babo, njengoko ooyise balilibalayo igama lam ngenxa kaBhahali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bacinga ukuba la maphupha bawachazayo aya kwenza ukuba bandilibale abantu bam, baxele ooyise-mkhulu abândilibalayo banqula uBhali.