Jeremiah 23:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ndiya kubuta isisalela segusha zam kuwo onke amazwe apo endizigxotele kona; ndandiya kuzibuyisela emaṙiweni azo, zaziya kucu̔ma zande.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kuwabutha mna amasalela omhlambi wam emazweni onke endawagxothela kuwo, ndiwabuyisele emakriweni awo, aqhame, ande;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuwabutha amasalela omhlambi wam emazweni onke endawachithachithela kuwo, ndiwabuyisele emadlelweni awo; kwaye baya kwanda kwaye bande;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Amasalela omhlambi wam ndiya kuwaqokelela emazweni onke endawachitha-chithela kuwo, ndiwabuyisele edlelweni lawo, aqhame ande.