Jeremiah 23:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa umtwalo kayehova aniyi kubuya niwukankanye; ngokuba ilizwi labanye ngabanye loba ngumtwalo wabo; ekubeni niwatyekisile amazwi ake utixo opilileyo, uyehova wemikosi, utixo wetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke sona isihlabo sikaYehova ze ningabi sasikhankanya;ngokuba liya kuba sisihlabo kwindoda ilizwi layo, niwajikile nje amazwi kaThixo ophilileyo, uYehova wemikhosi, uThixo wethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukuba sathetha ngomthwalo kaYehova, kuba ilizwi lomntu wonke liya kuba ngumthwalo kuye; kuba niwajikile amazwi kaThixo ophilayo, kaYehova wemikhosi, uThixo wethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe maningabi sawasebenzisa amazwi athi: ‘Nalu udaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo,’ kuba ilizwi lomntu ngamnye losuka libe ludaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo kuye, abe ewagqwetha amazwi kaThixo onguThixo wethu ophilayo, uNdikhoyo uSomandla-onke.