Jeremiah 24:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
UYEHOVA wandibonisa, kekaloku nazi izitya zibini zemikiwane, zimisiwe pambi kwetempile kayehova, emveni kwokuba u‐Nebukanetsare, ukumkani we‐Babilone, ebefudusile u‐Yekoniya, unyana ka‐Yoyakime, ukumkani wo‐Juda, nenkosana zakwa‐Juda, nencibi, nabakandi, e‐Yerusaleme, wabazisa e‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wandibonisa, nanzo iingobozi ezimbini zamakhiwane, zibekiwe phambi kwetempile kaYehova; emveni kokuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ebebathimbile ooYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabathetheli bakwaYuda, nengcibi, nabakhandi, ebasusa eYerusalem, ebasa eBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wandibonisa, nanzo iingobozi ezimbini zamakhiwane zimi phambi kwetempile kaYehova, zimi ngasemva koNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, noYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabathetheli bakwaYuda, kunye nabachweli, bathinjwa nemivalo yesinyithi yaseYerusalem, bayisa eBhabheli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wandibonisa iingobozi ezimbini zamakhiwane zibekwe ngaphambi kwendlu kaNdikhoyo. Le nto yehla emveni kokuba ukumkani uJekoniya unyana kaJoyakim, kunye neziphathamandla, namagcisa, nabasebenzi bentsimbi bakwaJuda, bathinjwayo ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, ebasusa eJerusalem, ebasa eBhabheli.