Jeremiah 24:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kubanika intliziyo yokundazi, ukuba mna ndi nguyehova; boba ngabantu bam, ndoti mna ndibe ngutixo wabo: ngokuba beya kubuyela kum ngayo yonke intliziyo yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndobanika intliziyo yokundazi, ukuba ndinguYehova, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; ngokuba baya kubuyela kum nentliziyo yabo yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndobanika nentliziyo yokundazi, ukuba ndinguYehova; kwaye baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo; ngokuba baya kubuyela kum ngentliziyo yabo yonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndobafaka intliziyo endiqondayo, bazi ukuba uNdikhoyo ndim. Baya kwandula ke ukuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo, kuba kaloku bobuyela kum ngomxhelo wabo wonke.