Jeremiah 24:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndoka ndibanikele ekuzanyazanyisweni nas elishweni, kubo bonke ubukumkani bomhlaba; babe sisigxekwa nento yokuzekeliswa, ilizwi lokuhlekisa nesiqalekiswa, kuzo zonke indawo apo ndiya kubagxotela kona;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kubanikela kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuba babe yinto yokunqakulisa, babe nobubi, babe sisingcikivo, nomzekeliso, nento yentsini neyokutshabhiswa ezindaweni zonke endibagxothela khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ndiza kubanikela ukuba bangcangcazele ezikumkanini zonke zehlabathi ngenxa yobubi babo, ngokunyelisa nokugculela nangehlazo kuzo zonke iindawo endiya kubagxothela kuzo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndiya kubatsho babe nomdintsi nezothe kulo lonke ilizwe. Baya kuba zizinto ezisisingcikivo, ezilihlazo nentlekisa, babe sisiqalekiso naphi na apho ndibachitha-chithela khona.