Jeremiah 25:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, nxa iminyaka engamashumi asixe̔nxe izalisekile, ndiya kwohlwaya ukumkani we‐Babilone, nesizwe eso, utsho uyehova, ngenxa yokukohlakala kwabo, nelizwe lama‐Kaledine, ndimise lona libe yintshabalalo engunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuthi ke, xa izalisekileyo iminyaka emashumi asixhenxe, ndimvelele ukumkani waseBhabheli nolo luhlanga, ngenxa yobugwenxa babo; utsho uYehova. Nelizwe lamaKaledi ndolenza kube senkangala ngonaphakade,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kweminyaka engamashumi asixhenxe ndiya kumkhalimela ukumkani waseBhabhiloni nolo hlanga ngenxa yobungendawo babo nangenxa yelizwe lamaKhaledi, utsho uYehova, ndilenze libe senkangala kude kube sekupheleni kwexesha elilinganiselweyo,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Emva kwaloo minyaka imashumi asixhenxe ke ukumkani waseBhabheli ndomohlwaya kunye nesizwe sakhe ngenxa yobugwenxa babo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nelizwe lamaKaledi ndolenza libe yinkangala ngonaphakade.