Jeremiah 25:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nabo bonke okumkani basenode, abakufupi nabakude, omnye kunye nomnye, nabo bonke ubukumkani bomhlaba, obupezu kwobuso behlabati: waye ukumkani we‐Sheshaki eya kusela emva kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nookumkani bonke belasentla, abakufuphi nabakude, elowo nomzalwana wakhe, nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba; asele emva kwabo ukumkani waseSheshaki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nookumkani bonke belasentla, abakufuphi nabakude, elowo nowabo, nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba, asele emva kwabo ukumkani waseSesaki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nabo bonke ookumkani basemantla, abakude nabakufuphi ngokulandelelana. Zonke izizwe eziphezu komhlaba zimelwe kukusela kuloo bhekile yengqumbo kaThixo. Ekugqibeleni ke iya kuba ngukumkani waseSheshaki oya kusela.