Jeremiah 25:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, bona ke, ndiqala ukuzisa ububi pezu kwesosixeko esibizwa ngegama lam, nize nina nike nipatwe na njengokuba ningenatyala? Aniyi kupatwa njengokuba ningenatyala; ngokuba ndiya kubiza isiṙele ngakubo bonke abemi bomhlaba, utsho uyehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba, yabonani, ndiqalela emzini obizwa ngegama lam, ukuhlisa ububi; ningaba msulwa nide nibe msulwa na ke nina?Aniyi kuba msulwa; ngokuba ikrele ndilibizela bonke abemi behlabathi; utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba, yabonani, sendiqalile ukuwenza ububi emzini obizwa ngegama lam; Aniyi kuba msulwa, ngokuba ikrele ndilibizela bonke abemi behlabathi; utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niyabona, ndiza kuqala apha kanye kwesi sixeko sibizwa ngegama lam, ndisihlisele intlekele. Niba nina niya kubhunca? Aningekhe ningohlwaywa, kuba ndibazisela ikrele bonke abemi behlabathi. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke.’