Jeremiah 25:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa kuwo oweshumi linesitatu umnyaka ka‐Josiya unyana ka‐Amoni ukumkani wo‐Juda, kwada kwanamhla nje, leminyaka imashumi mabini anesitatu, ilizwi likayehova libe lisiza kum; ndaye nditeta kuni, ndivuka kusasa nditeta, koko ningapulapulanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthabathela kumnyaka weshumi elinesithathu kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda, kuzise kule mini, le minyaka imashumi mabini anamithathu, bekufika ilizwi likaYehova kum;bendithetha kuni, ndivuka kwakusasa ndithethe; anivanga noko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kususela kumnyaka weshumi elinesithathu kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda, kuzise kule mini, le minyaka imashumi mabini anamithathu, kwafika ilizwi likaYehova kum, lathetha nawe, lisithi, ndivuka kusasa, ndivuke kusasa, ndivuke ekuseni. Ndiyathetha; kodwa aniphulaphulanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kwiminyaka engamashumi mabini anantathu ukuza kuthi ga ngoku, kususela kunyaka weshumi linantathu elawula ukumkani uJosiya unyana ka-Amon, ilizwi likaNdikhoyo lalisoloko lifika kum, ndibe nam ndiphindelela ukubhekisa kuni. Koko nina nisuke anahoya nto kwaphela.