Jeremiah 25:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako wena woprofitesha ngakubo onke lamazwi, uti kubo: Uyehova uya kugquma kwa pezulu, aku̔pe ilizwi lake entlalweni yake eyingcwele; uya kugquma kakulu pezu kwekaya lake; isimemezo, njengesabaxovulayo idreyive, wosihlabela ngakubo bonke abemi bomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke wena uze ubaprofetele loo mazwi onke, uthi kubo, UYehova uya kubharhula phezulu, alikhuphe ilizwi lakhe ekhayeni lakhe eliyingcwele; uya kubharhula alibharhulele ikriwa lakhe;uya kubahlabela amayeyeye, njengabaxovuli beediliya, bonke abemi behlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, profeta onke amazwi ngokuchasene nabo, uze uthi kubo: iNkosi iya kubharhula phezulu kwaye iliphakamise ilizwi layo ebudodeni bayo obungcwele; uya kubharhula phezu kwentente yakhe; njengabo baxovula umdiliya, uya kuphakamisa isikhalo kubo bonke abemi behlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Wena ke, bashumayeze ubaxelele olu daba, uthi: “ ‘UNdikhoyo uyazongoma esibhakabhakeni; izwi lakhe lihlokoma ekhayeni lakhe elilodwa. Ugragramela umhlaba wakhe ngamandla; utsho ngentswahla okwabaxovula iidiliya, ebhekisa kubemi behlabathi xa lilonke.