Jeremiah 25:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lilani, nina balusi! nikale; niqikaqikeke elutulini, nina zinkosi zomhlambi! ngokuba imihla yenu yokubulawa izalisekile, nokutiwa sa kwenu, naniya kuwa njengesitya esinqwenelekileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bhombolozani, balusi, nikhale; nizigalele ngothuthu, zingangamsha zomhlambi; ngokuba izalisekile imihla yenu yokuba nisikwe. Ndiya kuniphangalalisa, niwe njengesitya esinqwenelekayo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lilani, balusi, nilile; Zigaleleni eluthuthwini, zintloko zomhlambi; kwaye uya kuwa njengento ethandekayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yitshoni ngesimbonono, nina belusi, niziqikaqike eluthulini, nina zikhwakhwamela zomhlambi. Ligalelekile kaloku ixesha lokuxhelwa kwenu; niza kuqikileka, niqhekeke, nixel' iingqayi zexabiso.