Jeremiah 26:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zati inkosana zakwa‐Juda zakuva ezizinto, zenyuka kuyo indlu yokumkani zaya endlwini kayehova, zahlala pantsi emnyango wesango elitsha lendlu kayehoua.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baweva abathetheli bakwaYuda la mazwi, benyuka bemka endlwini yokumkani, baya endlwini kaYehova, bahlala phantsi ekungeneni kwesango elitsha likaYehova,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakuyiva loo nto abathetheli bakwaYuda, bemka endlwini yokumkani, benyuka baya endlwini kaYehova, bahlala phantsi ekungeneni kwesango elitsha lendlu kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zithe ezi ndaba zakufika kwiziphathamandla zakwaJuda, zatsho zagxalathelana ukusuka ebhotwe, zisiya endlwini kaNdikhoyo, zafika zaya kutsho ezihlalweni zazo ngakwiSango eLitsha lendlu kaNdikhoyo.