Jeremiah 26:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza abaperisite nabaprofite bateta kuzo inkosana, nakubo bonke abantu, besiti: Ifanelwe ngumgwebo wokufa indoda le; ngokuba iprofiteshile ngakuso esisixeko, njengokuba nivile ngendlebe zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ababingeleli nabaprofeti bathetha kubathetheli nakubantu bonke, besithi, Le ndoda ifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba iprofete ngalo mzi, njengoko nikuvileyo ngeendlebe zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ababingeleli nabaprofeti bathetha kwiinkosana nakubantu bonke, bathi: “Le ndoda ifanelwe kukufa; ngokuba uprofetele kulo mzi, njengoko nive ngeendlebe zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ababingeleli nabashumayeli babhekisa kwiziphathamandla nabo bonke abantu, besithi: “Lo mntu ufanelwe kukugwetyelwa ukufa; niyive ngokwenu into ayishumayele ngesi sixeko!”