Jeremiah 26:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa qinisani ukwazi, okokuba, nxa nindifisayo, okunene igazi elingenatyala nolizisa pezu kwenu, napezu kwesisixeko, napezu kwabemi baso; ngokuba ngenyaniso uyehova enditumile kuni, ukuza kuteta onke lamazwi ezindlebeni zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ke yazini nazi oku: ukuba nithe nandibulala, inene, nobeka igazi elimsulwa phezu kwenu, naphezu kwalo mzi, naphezu kwabemi bawo; ngokuba, inyaniso, uYehova undithumele kuni, ukuba ndiwathethe la mazwi onke ezindlebeni zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Niyazi ke ukuba, ukuba nithe nandibulala, inene, wobeka igazi elimsulwa phezu kwenu, naphezu kwalo mzi, naphezu kwabemi bawo; ngokuba uYehova undithume kuni ukuba ndiwathethe onke la mazwi ezindlebeni zakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke nize nazi kakuhle ukuba xa nindibulala noba netyala lokuphalaza igazi elimsulwa, nikunye nesi sixeko nabemi baso, kuba mna ngenene ndithunywe nguNdikhoyo ukuba ndize kuwathetha kuni la mazwi niwevileyo.”