Jeremiah 26:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza zati inkosana, nabo bonke abantu, kubaperisite nakubaprofite: Lendoda ayifanelwe ngumgwebo wokufa, ngokuba itetile kuti ngegama likayehova, utixo wetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi ke abathetheli nabantu bonke kubabingeleli nakubaprofeti, Le ndoda ayifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba ithethe kuthi egameni likaYehova uThixo wethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi iinkosana nabantu bonke kubabingeleli nakubaprofeti, Le ndoda ayifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba ithethe kuthi egameni likaYehova uThixo wethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iziphathamandla zikunye nabantu bonke, zathi kubabingeleli nabashumayeli: “Lo mntu akasifanelanga isigwebo sokufa! Uthetha nathi egameni likaNdikhoyo uThixo wethu.”