Jeremiah 26:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
u‐Mika, um‐Moreshete, ebeprofitesha emihleni ka‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, wateta kubo bonke abantu bakwa‐Juda, esiti: Utsho uyehova wemikosi ukuti: i‐Ziyone iya kuku̔tyelwa njeng entsimi, ne‐Yerusaleme yoba zimfumba, nentaba yalendlu yoba yimimango ebuhlati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMika waseMoreshete waprofeta ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, wathetha kubantu bonke bakwaYuda, esithi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, IZiyon iya kulinywa ibe yintsimi, neYerusalem ibe yimiwewe, nentaba yendlu le ibe yimimango enehlathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMikaya waseMorashe waprofeta ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, wathi kubantu bonke bakwaYuda, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, iZiyon iya kutyalwa njengentsimi, iYerusalem ibe ngumwewe; intaba yendlu yona ibe njengokuphakama kwehlathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngemihla kakumkani uHezekiya wakwaJuda kwabakho umfo waseMoreshete, owayenguMika igama, owathetha nabantu bonke bakwaJuda esithi: ‘Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: “ ‘Iya kuphethulwa ixel' intsim' ilinywa iZiyon, yona iJerusalem ibe yimfumba yamabhodlo, intaba yendlu kaThixo yona ibe ziinduli ezinamahlathi.’