Jeremiah 26:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanene u‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, nabo bonke o‐Juda, bake bamfisa na? akamoyikanga uyehova na, wabongoza ubuso bukayehova, wada uyehova waba nosizi ngabo ububi abebutetile ngakubo? Besiya kuyenza inkohlakalo enkulu ngakuyo eyetu imipefumlo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bambulala na ke uHezekiya ukumkani wakwaYuda namaYuda onke? Akoyikanga uYehova na, wambongoza uYehova, waza uYehova wazohlwaya ngenxa yobubi abebuthethile ngabo? Thina ke, senze na ububi obukhulu kwimiphefumlo yethu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bambulala na uHezekiya ukumkani wakwaYuda, namaYuda onke? Akoyikanga uYehova na, wambuza uYehova, waza uYehova wazohlwaya ngenxa yobubi abebuthethile ngabo? Ngoko ke sinokwenza ububi obukhulu kwimiphefumlo yethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ingaba uMika wabulawa na ngukumkani uHezekiya kunye nabantu bakwaJuda? Akazange na uHezekiya amoyike uNdikhoyo azicelele isisa kuye? Akazange na yena uNdikhoyo ayirhoxise intlekele abeselegqibe ukubahlisela yona? Thina sisemngciphekweni wokuzihlisela ishwangusha!” (