Jeremiah 26:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Yima ebaleni lendlu kayehova, uwatete kuzo zonke izixeko zakwa‐Juda, ezizayo ukubedesha endlwini kayehova, onke amazwi endikuyaleleyo ukuba uwatete kuzo: ungapunguli nalizwi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Yima entendelezweni yendlu kaYehova, uthethe kuyo yonke imizi yakwaYuda, eza kuqubuda endlwini kaYehova, onke amazwi endikuwisela umthetho wokuba uwathethe kubo; ungaphunguli zwi kuwo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova; Yima entendelezweni yendlu kaYehova, uthethe kuyo yonke imizi yakwaYuda, eya kuqubuda endlwini kaYehova, onke amazwi endikuwisela umthetho wokuba uwathethe kubo; ayinciphisi igama:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Utsho uNdikhoyo ukuthi: Yiya phaya eyadini yendlu kaNdikhoyo, ufike uthethe nabo bonke abantu beedolophu zakwaJuda abeze kunqulela endlwini kaNdikhoyo, ubaxelele konke endakuyalela kona, ungashiyi nento le.